Kufunyenwe umhlambi wemfuyo yobusela kuQumbu
Icandelo lamapolisa elilwa ubusela bemfuyo kuTsolo liqhube ugqogqo kwilali iNtshongweni kuQumbu apho lifunene khona iinkomo ezingamashumi amabini anesithathu, ubuncinane.
Read MoreIcandelo lamapolisa elilwa ubusela bemfuyo kuTsolo liqhube ugqogqo kwilali iNtshongweni kuQumbu apho lifunene khona iinkomo ezingamashumi amabini anesithathu, ubuncinane.
Read MoreNgabantwana ababini abaneminyaka emithathu qwaba ubudala abatshone kwidama elikwi lali iLudaka eNgqeleni kwisithuba secala emva kwentsimbi yesixhenxe ngoMgqibelo. Kutyholwa ukuba amaxhoba ebedlala emanzini ngethuba besohlulalakala.
Read MoreAmapolisa aseMpuma Kapa azilele ukubhubha kogxa wawo ogwazwe ngumrhanelwa ngentlazane yangoLwesibini, weveki ephelileyo eAliwal North, eMpuma Kapa.
Read MoreIntiyo, ukudlwengulwa,ukungamkelwa kwamalungu e-LGBTQI+ ezilalini ukunyhashwa kwamalungelo isengumceli mngeni omkhulu nangona umqulu wamalungelo ukhuthaza ukuzikhethela komntu ubomi abufunayo kuquka ukuhlala nokuthandana nalowo amkhethileyo.
Read MoreAbarhanelwa abathathu ababudala buphakathi kweminyaka engamashumi amathathu anesibini kunye namashumi amane anesibini kulindeleke bavele enkundleni yamatyala eCofimvaba kule veki.
Read MoreKwizigunyaziso eziphantse zibe li-100 000 ezithe zagwetyelwa izohlwayo zendlela ezingahlawulwanga kunye nokudelela inkundla kunyaka-mali odlulileyo, abaqhubi beenqwelo-mafutha abangama-40 321 baphelela ngaphaya kwezitshixo. Oku kubonisa ukunyuka kwama-36,2% unyaka nonyaka.
Read MoreUmasipala waseMnquma eGcuwa uhlabe ikhwelo kubahlali ukuba bancedisane norhulumente ukulwa into yokuthengiswa kokutya okubolileyo okanye okuphelelwe ingakumbi ziivenkile zabemi bangaphandle.
Read MoreNjengoko sihlonipha inkumbulo yamajoni ethu angazange abuye kwiMfazwe eNkulu ngaphezu kwekhulu leminyaka eyadlulayo, kunye neMfazwe Yehlabathi yesiBini kunye neemfazwe ezilandelayo.
Read MoreIMunicipal Demarcation Board kutsha nje ihlangene nomasipala waseKing Sabata Dalindyebo izokuhlola ukulungela kwalo masipala ukuba abeyiMetro kunyaka ka-2026. IKSD isifake kunyaka ophelileyo ngoMatshi, isicelo sokuba lo masipala onyuselwe kwinqanaba lokuba yiMetro. I
Read MoreUfunyenwe ulahlwe ngasemlanjeni emva kwemini ngoMgqibelo kwilali yaseMtsila eLusikisiki, umzimba wetitshalakazi ebilahlekile. Ngokwengxelo yamapolisa umzimba ufunyenwe unamanxeba eembumbulu.
Read More