CommunityNews

 Bacela uncedo eMnyolo

Yonela Mpaka – 27 July 2023

ENGCOBO

Umfana  osaze ngobuso ezweni u Zama Sandile nozalwa kwilali yase Mnyolo  eNgcobo uthe wanikeza nge wheelchair kwakunye ne Napkins kusapho lakwa Sonyoka kwinkwenkwana engakwazi ukuzenzelanto nengakwazi ukuthetha neyathi yonzakala ngethuba yayizalwa. Umama walomntwana uNosakhele uthi uyakucela kakhulu ukuxhaswa ngabo banako kuba uyasokola kakhulu.” Kubanzima kakhulu kuba umntwana wama akakwazi ukuzenzelanto funeka ndimguqule akathethi uyanikina xa efuna into akakwazi ukutheth ngoku sele ndibona ngempawu ezithile xa efuna lonto ithile, ndiyabulela kakhulu kulo mfana kuba ama napkin ayadura kakhulu andinayo imali yowathenga kodwa ndiye ndinyanzeleke kuba ayikho enye indlela, “utshilo umama uNosakhele.

Osikwe yimfesane uZama noziphangelelayo kwenye yenkampani uthi imphethe kakubi imeko yalenkwenkwana wakhangela into anothi ancedise ngayo nathe wayocela nakwabantu abantu.” “Kubebuhlungu ukubona umama onomntwana odinga uncedo kungade kubekhonto ihambela phambili kuba kwa ikhaya abahlala kulo alikho kumgangatho womntwana lona,siyacela nabanye abantu abanokwazi ukuncedisa bakwenze oko kuba umama uphila ngemali yomntwana yesibonelelo,” utshilo uZama Sandile. Abantu belali balincomile igalelo lalomfana kwilali besithi ululutho.