Ziyabanjwa iingcibi zomgunyathi
Monwabisi Khininda |Mpuma Koloni
Livuliwe ixesha lolwaluko iikomiti zezithili zithe bhazalala ukuqinisekisa ukhuseleko lwabakhwetha. UMphathiswa wesebe loRhulumento ngoBambiswano (COGTA) uZolile Williams uzama ukuqinisekisa ukuba amakhwenkwe aya entabeni ekhuselekile aphinde abuye ephilile. “Sekubanjwe iingcibi zomgunyathi ezingamashumi amabini ananye ngokolusa amakhwenkwe ngokungekho mthethweni. Siwothulela umnqwazi amapolisa namagosa akomasipala naseburhulumenteni ngokuthi kunqakulwe abaphuli mthetho,” kutsho uWilliams. UWilliams uthi baxhalabile ngamabhuma angekho mthethweni kwezinye izithili sibaqhabela izandla abo benza elisiko ngokusemthethweni ukuze kukhuseleke amakhwenkwe azinkokheli zangomso zeli lizwe. Sekubikwe amakhwenkwe amahlanu atshabileyo kwezi zithili zilandelayo:- 1-eBuffalo City Municipality, 2-eChris Hani District Municipality, 2-e-OR Tambo District Municpality.
“Amapolisa mawenze uphando ngokufa kwaba bakhwetha ukuze iintsapho zabafi zixolo emphefumlweni. Ukufa kwabakhwetha kusitheza amandla ingakumbi emva kwamaphulo okufundisa oluntu, uqeqesho lweengcibi namakhankatha neMbizo yamaDoda kodwa akubonakali mohluko,” kutsho uNkosi Gwadiso. Ukhuthaze iikomiti ezijongane nolwaluko ukuba zingatyhafi zisebenze ukuthintela ukufa kwabakhwetha de lifikelele esiphelweni ixesha lolwaluko.


