Crime & SafetyLocalNews

Kuzingelwa amabanjwa aqhweshe emjiva

Monwabisi Khininda | Cookhouse

Amapolisa aseCookhouse eMpuma Kapa othuke aphantse ukuwa ngomiqolo eqhwaba izandla kathathu ngethuba kwisikhululo samapolisa kungena umntu evula ityala lophango kubusuku bangoMgqibelo. Kuchazwe igama lika-Atshaxole Booi (23) njengomrhanelwa koluphango. Umnqa nokubhideka kuqale ngethuba ulwazi lwamapolisa lubonisa ukuba uBooi ugcinwe kwiziko lokugcina abarhanelwa kwisikhululo samapolisa eso ngothotho lwamatyala.

Ngethuba esiya kujonga eziseleni afike u-Atshaxole Booi kunye noPatrick Ndokweni bengabonakali nangotshengele.Akukho mntu waziyo ukuba baphume nini kanjani. Isithethi samapolisaephondweni uWarrant Officer Majola Nkohli uthi lamabanjwa asagcwele amathafa. Uthi kuvulwe ityala lokubaleka eluvalelweni. Amapolisa athi kuvulwe nelinye ityala lesibini lokuncedisa amabanjwa abaleke. Uphando lwamapolisa luyaqhuba. Kubongozwa nabani onganolwazi neenkcukacha ngendawo akuyo la mabanjwa atsalele umnxeba kwezi nombolo-0824136632/0823018504.