Umfazi ubulele unyana ngenxa yemali
18 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqungu 2025
Monwabisi Khininda
Kwiveki nje emva kokuba amapolisa efumene umzimba womfana oneminyaka engama-22, nowachazwa njengoMoegamant Dollie, kubanjwe umrhanelwa ongunina uShayhieda Dollie (51).Ingxelo yamapolisa ithi lo mzimba wafunyanwa kwindawo yaseMissionvale unamanxeba okudutyulwa entloko nasentanyeni. Ummangalelwa uye walivuma ityala.
Emva kophando amapolisa afumene umkhondo owakhombe eAlgoa Park kunina womfi. INkundla ePhakamileyo eGqeberha ithe yamgweba iminyaka engamashumi amabini anesihlanu ethothoza emjiva uShayhieda Dollie. Ugwetyelwe ukuyila iyelenqe lokubulala nokubulala. Ngethuba kuxoxwa ityala kudule ukuba isizathu sokuba ummangalelwa abulale unyana wakhe ebefuna ukuzuza imali kamasingcwabane ngokufa kukanyana wakhe.
“Singamapolisa oMzantsi Afrika sizinikele ekuqinisekiseni ukuba izigwebo ezifana nezi zinika ithemba, kumaxhoba, lokuba umthetho wenza ngako konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba ukuxhatshzwa kwabantwana namanina kuyatshabalala,” kutsho iKomishinala yamapolisa uMajor General Vuyisile Ncata.

