Abalobi baseMbhashe bafumene izixhobo zokusebenza.
Anele Raziya | Hobeni
Uya ukhula umdla woshishino ngokuloba iintlanzi kunye nokuxoza iimbaza kwingingqi yaseMbhashe eDutywa.
Kutsha nje abalobi baseMbhashe kwilali yaseHobeni abawuvali umlomo luncumo emva kokuba bephiwe izixhobo zokuloba ngurhulument.
Abalobi abangaphaya kwamashumi amathathu nabo baxoza iimbaza abangashumi amabini banikwe izixhobo zokusebenza ngumasipala waseMbhashe.
Usihlalo wabalobi kwingingqi yaseMbhashe, uMalibongwe Gongqose uthe ukufumana kwabo inkxaso yeezixhobo zokuloba neezokuxoza iimbaza lonto iza kubanceda ukuba bakwazi ugxotha idlala kwaye babenalo negalelo kuqoqosho lasekuhlaleni.
Umsitho wokunikezela ububanjelwe kwiholo yoluntu kwindawo yaseManganyelo kwilali ihobeni kwiveki ephelileyo.
Kwizixhobo ezkunikezelwe ibezi zintonga zokuloba, iingxowa zepvc zabo naxozayo imbaza, isinkari, iiglavusi neezixhobo zokhuseleko.
Umsitho ubuzinyaswe liqumrhu elijongene nokuphuhliswa kwezonkekhetho, iEastern Cape Parks and Tourism Agency (ECPTA) kunye neenkosi zasekuhlaleni.
“Ezi zixhobo azisukusinceda kuphela ekulobeni iintlanzi nase kuxozeni iimbaza ngempumelelo kodwa siya kuqinisekisa nokuba singakwazi ukubonelela iintsapho zethu kwaye sibe negalelo kuqoqosho lwengingqi,” kutsho uGongqose .
Uqhube wathi nabo bengabalobi bazakutsho babenegalelo elubonakalayo kuqoqosho lasekuhlaleni kwaye banciphise nezinga lendlala emakhaya.
UGongqose uvalelise ngelithi abazakuphozisa maseke bazakuqalisa uloba ngeezixhobo nasebenzisa amalwandle akufutshane nabo eMbhashe.
Iqumrhu iEastern Cape Parks and Tourism Agency lithe ukuxhaswe koluntu ngeezixhobo zezinye zenzame zika rhulumente uqinisekisa ukuba wonke ubani uyakwazi uziphilisa emakhaya kwaye wancoma neezixhoma ezinikwe abalobi ngelithi zikimngangatho ophezulu.
Iinkosi zokuhlala nazo bezichulumance kakhulu linyathelo lika masipala okhokelwa nguSodolophu uGqirha Samkelo Janda.
Abalobi abanamava kulindeleke ukuba bafundise nabo basakhulayo ukuze nabo baxhamle kwicala lokuzenzela imali.
Urhulumente uyayikhuthaza into yokuba abantu bazivulele iiprojekthi ukuze bazounciphisa izinga lendlela eliphezulu kwaye bazivelisele namathuba wengqesho.


