Liyaqala kwakhona ityala laseNyobeni
Ityala ngoyena nozala wokubhubha kwabafundi kwithaveni yaseNyobeni eScenery Park eMonti kulindeleke liqale kwakhona ngomhla we-22 ukuya ku-24 kuJulayi 2024.
Read MoreItyala ngoyena nozala wokubhubha kwabafundi kwithaveni yaseNyobeni eScenery Park eMonti kulindeleke liqale kwakhona ngomhla we-22 ukuya ku-24 kuJulayi 2024.
Read Moremozulu engentlanga ichazwe njengonobangela wengozi yezithuthi ezibini ezingquzulene okwenkunzi zegusha kuhola wendlela u-N2 kwaze kwabhubha abantu abathathu.Le ngozi emasikizi yenzeke kwaBhaca kufutshane nelali yaseDangwana kwintsasa yangeCawa.
Read MoreINkulumbuso yephondo leMpuma Kapa uOscar Mabuyane uthi abazukuvumela ukutsalwa bathiwe qho ngempumlo nguye nabani ongubholelecaleni.
Read MoreI-IEC (Independent Electoral Commission) eMpuma Kapa ivakalise inkxalabo emva kokuvalwa kwezikhululo zovoto ngenxa yoqhankqalazo loonotekisi eMthatha ngoMvulo.
Read MoreAmapolisa anqakule avalela abarhanelwa abathathu abanxulunyaniswa nesiganeko sokudutyulwa kubulawe abantu abasixhenxe kwilali iNxanxashe kuGatyane ngeCawa eyadlulaya.
Read MoreKubanjwe oonogada ababini begosa lo masipala waseMhlontlo kulandela ukufunyanwa nemipu neembumbulu ngokungetho mthethweni. Kwiphulo lamapolisa eliqhutywe ngoLwesihlanu, amapolisa athimbe imipu emibini, inombolo zayo zikhuhliwe, neembumbulu.
Read MoreUnogada oneminyaka engamashumi amathandathu anesibini ubudala ubanjelwe ukudubula abule inkwenkwana eneshumi elinesithathu leminyaka ubudala aze onzakalise omnye umfundi.
Read MoreUkuxhuma kweziganeko zobundlobongela kwilali yaseRainy eLibode kudale isimbonono kubahlali balendawo. Le lali ijongene nolwaphulo mthetho oluquka ukubulala, ukudlwengula, ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana, ubusela bemfuyo nolwaluko olungekho mthethweni .
Read MoreInkundla yamatyala yesigqeba eMthatha igwebe ubomi kabini ithothoza emjiva kunye neminyaka engamashumi amabini indoda eneminyaka engamashumi amane ananye ubudala.
Read MoreAmapolisa aseCala ahlohla ngemibuzo abafana ababini malunga nokubulawa ngokungena lusini kowasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesibini ubudala kwilali iTsengiwe ngoLwesithathu weveki ephelileyo.
Read More