CommunityLocalNewsSocial Development

AmaKhosikazi kumsitho we “Hats and High Tea”

Ntsikelelo Jonga | Kraaifontein

Amakhosikazi kulo ibandla  i-Mothers’ Union St Joseph the Worker Wallacedene – High Tea, ngomgqibelo,  umhla wama- 29 kweyeThupha 2026, i-Mothers’ Union St Joseph the Worker – Wallacedene ivale inyanga yabasetyhini (Women’s Month) ngomgangatho ophezulu ngomsitho obizwa ukuba yi”Hats & Heels High Tea” msitho lowo obubanjelwe  kwisakhiwo sebandla i-St Mary the Virgin, e-Eikendal.

Ngaphantsi komxholo othi “Ixesha Lonyaka Ngalinye Linejongo, Umfazi Ngamnye Unamandla,” lo msitho usebenzise amaxesha onyaka amane, iHlobo, uKwindla, uBusika kunye neNtwasahlobo njengokubonakalisa amaxesha ahlukeneyo abasetyhini abadlula kuwo ebomini. Yayilusuku lobudlelwane, UbuNtu,  umbhiyozo kunye nokuxhobisa, ukhumbuza abasetyhini ukuba nokuba bajongene naluphi na ulwamvila, bayatshintsha, bayakha kwakhona okanye banakho ukuqalisa kakutsha ukwakha kangangamandla abanawo,  bangaqala phantsi  kwakhona, ixesha lonyaka ngalinye linenjongo yalo.

UNkosikazi Nodumo Maqetuka, ilungu le-Mothers’ Union, usomashishini kunye nomnini shishini le-INUKA, usebenze njengoMphathi theko kwaye wazisa ububele, amandla kunye novuyo kwinkqubo.

Izithethi ezintathu ezikhuthazayo zabelana ngolwazi kunye nokukhuthaza kwimiba ebalulekileyo yobomi kwaabasetyhini.

Unkskz Busisiwe Gulwa, iGqwetha elamkelweyo leNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika kunye nomhlobo eHaycock Meyer Attorneys, ukhokele incoko yezomthetho. Esuka kumava akhe kumthetho wosapho, ilifa labafileyo, ukuhlalisana kunye nezivumelwano zangaphambi komtshato, kunye nemicimbi yeNgxowa-mali yeengozi eNdleleni, ukhuthaze abasetyhini ukuba bawaqonde amalungelo abo asemthethweni kunye nokubaluleka kokwaziswa nokulungiselelwa.

Isithethi sezimali, uNkskz Ayanda Vabaza-Mvandaba, CA(SA), uthathe abasetyhini kumaxesha onyaka ahlukeneyo ohambo lwabo lwezezimali. Uthethe ngokujongana “noBusika” bamatyala, ukudala “iNtwasahlobo” entsha yezimali ngokucwangcisa ngobom kunye nokuziphatha ngokwezimali, kunye nokusebenzisa amaxesha onyaka e “Hlobo” lwezemali ukwakha, utyale imali kwaye wenze ilifa elizinzileyo. Umyalezo wakhe ukhumbuze abasetyhini ukuba ixesha labo langoku lezezimali akufuneki ligqibe ikamva labo.

Unkskz Ntombizanele “Maza” Dywibiba, nobellolunye undwendwe  oluphuma  kwi”Business Strategist, iBusiness Development Professional” kunye noMqeqeshi Oqeqeshwayo, uzise umxholo wosuku kunye ngokucamngca okunamandla ngokukhula komntu, injongo kunye nobunkokeli. Ukhuthaze abasetyhini ukuba bamkele ixesha ngalinye lobomi babo, baqonde amandla abo kwaye baqonde ukuba namaxesha anzima anokubalungiselela oko kuza ngokulandelayo.

I-High Tea yayingaphezulu kweminqwazi, izithende kunye neetafile ezintle. Yenze indawo yokuba abasetyhini badibane, bafunde, bacinge, bahleke kwaye babhiyozele omnye nomnye ngelixa befumana ulwazi olusebenzayo abaya kulusebenzisa kubomi babo bemihla ngemihla.

Njengokuba inyanga yabasetyhini ibiseyifikelela  esiphelweni, abasetyhini bahambe nesikhumbuzo esilula kodwa esinamandla: Ubusika bufuna ukunyamezela. Ukwindla ufuna ukuyeka. Intwasahlobo isinokumema ukuba siqale kwakhona, kwaye iHlobo lisivumela ukuba sichume kodwa ixesha lonyaka ngalinye linenjongo, kwaye umfazi ngamnye unamandla.

Phakathi kwawo lamaNina kube kukho noMakhulu osele efince ama-80 eminyaka nowayesabelana ngombhiyozo ngalo usuku olu. Okunye ingakumbi amaNina aye axhobisana ekwakhuthazana ngokujongana nemingeni ajongene nayo kwiimeko zemihla ngemihla zokuphila