Babanjiwe abantu abonakalisa izisekelo zokuhambisa amanzi
Kubanjwe abantu abane ngezityholo zokonakalisa izisekelo zokuhambisa amanzi kwisithili iChris Hani eMpuma Kapa.
Read MoreKubanjwe abantu abane ngezityholo zokonakalisa izisekelo zokuhambisa amanzi kwisithili iChris Hani eMpuma Kapa.
Read MoreAbenkolo yesiRasta Emalahleni eCacadu batyhola ngelithi amapolisa abaphethe mbengwana ebaxhaphaza.
Read MoreKulindeleke avele enkundleni yamatyala kuKomani kuleveki umrhanelwa oneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu ubudala kulandela ukunqakulwa kwakhe ezintsitheka ziziyobisi ngeCawa.
Read MoreAbahlali belali yaseJoe Slovo kwa-wadi 19 kumasipala Intsika Yethu bebevale iindlela bevutha ngumsindo besithi bafuna impendulo kumasipala malunga nokungade kulayitwe umbane,nanjengoko ingaphaya kwesixhenxe iminyaka bafakelwa iibhokisi kodwa akulayitwa.
Read MoreIthala leencwadi phantsi komasipala wase-Dr.A.B Xuma (Engcobo) libambisene noNal’ibali beliqhuba usuku lweWorld Read Aloud Day apho abafundi bezikolo ezahlukeneyo befundelwe ibali ngobekekileyo uSodolophu uSiyabulela Zangqa.
Read MoreKancinci kancinci ziyaphucuka iziphumo zebenga leshumi (grade 12) kwiphondo leMpuma Kapa.Kunyaka ka-2023 iziphumo zebanga leshumi beziku 81.4%, kanti ezika 2024 zibeku-84.9% ntoleyo echaza ukuba zenyuke ngomyinge ka-3.56%. Esi sisithembiso soMphathiswa welisebe uFundile Gade sokugcina umyinge ka-80% nangaphezulu kweli phondo.
Read MoreUmfundi ogqwesileyo kuzwelonke kwiziphumo zemviwo zeMatriki zonyaka ophelileyo uthi imeko embi akhulele kuyo ayikhange ibengumqobo kwimpumelelo yakhe koko imenze wazimisela nangakumbi.
Read MoreUkudlwengulwa kukaPrincess Lehakoe Moahlodi kubothusile abahlali belali iKhaoue eMatatiele.UMoahlodi (17) umzimba wakhe ufunyenwe ufihlwe phantsi kwebhedi ngomhla wesibini kuJanuwari walonyaka.
Read MoreIcandelo lamapolisa elibizwa iTactical Reaction Team eMthatha libambe abarhanelwa abane abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu ukuya kumashumi amane ubudala ngokuphanga ishishini eSlovo Park kwiNtshona yoMthatha emini emaqanda ngoLwesithathu weveki ephelileyo.
Read MoreAmapolisa aseMthatha anikezela ngebhaso lesizumbulu semali ekwi-R50,000 kumntu onokuncedisa ngeenkcukacha ezingakhokhelela ukuba kubanjwe kutshutshiswe ngempumelelo abarhanelwa abaphanga baze badlwengula abafundi abahlanu kwilali yaseKhonqeni eBityi eMthatha.Esi siganeko senzeke ngoOktobha kunyaka ophelileyo.
Read More