Local
Zifakelwe izibane edolophini eNgcobo
Emva kwexesha elide abahlali bedolophu yase Ngcobo belindele ukuba kulayitwe ekugqibeleni izibane ziyakhanyisa.Idolophu yase Ngcobo ibikade imnyama tsu kusoyikeka ebusuku kodwa ngoku kukhanya de uyophuma.
Read MoreUSodolophu ukhalimela ukonakaliswa kwezisekelo ezingundoqo
UKhansela uMesuli Ngqondwana onguSosithili wase-O.R Tambo ugxeke ekwakhalimela ukonakaliswa kwezisekelo ezingundoqo okunegalelo ekuqhwaleleni kwenkonzo yamanzi kwisithili sase-O.R Tambo
Read MoreUmhlolokazi ugwetyelwe ukubulala indoda yakhe
Ekugqibeleni lide lagwetywa ityala lokubulawa kukaKhayalethu Maqhina,nowathi wabulawa ngokungenalusini kwiminyaka emine enesiqingatha edlulileyo.
Read MoreUfunyenwe unqunqiwe umzimba womfundi
Lushiyeke lubambe ongezantsi uspho lakwaNtunja kwilali yakuMahasana kuGatyana emva kokufunyanwa komzimba womntwana wabo sele ubanda ceke ngasehlathini.
Read MoreKusweleke amadoda amabini ebulawa ngamaqebengwana
Iingxelo zityhola ukuba amadoda amabini aseRhafu anabele uqaqaqa ngoko nangoko emveni kokuba etye amaqebengwana (cup cakes) ekurhaneleka ukuba ebenetyhefu; abakwantsasana balivulile ityala lokubulala ngokungenanjongo.
Read MoreKukhalinywa ukuxhatshazwa kwamalungu eLGBTQI+
Umasipala wase-King Sabata Dalindyebo ukugxekile ukuphathwa gadalala, kubethwe kudlwengulwe amalungu e-LGBTQI+ kummandla waseMthatha.
Read MoreIsankxwe ngomsitho kaGawulayo eSajonisi
USodolophu wasePort St. Johns uCebisa Mazuza unyanzelisa ukufumana iimpendulo kumagosa karhulumente emva kokuba abahlali baseMajola begcadwe yingqatsini yelanga kungekho ndawo yakuqhubela umsitho weWorld Aids Day ngoLwesihlanu.
Read MoreBakhala ngobusela bemfuyo obugabadeleyo kuQumbu
Abafuyi belali yaseTshikitsha eKatkop kufutshane naseNqanqarhu (Maclear) babongoza urhulumente ukuba angenelele ancedise ekulweni ulwebiyo lwemfuyo oluthathe unyawo kulo mmandla.
Read MoreAmapolisa asakhangela omnye wabarhanelwa
Amapolisa oMzantsi Afrika acela ukhangeliswa umrhanelwa ekukholeleka ukuba uyachaphazeleka kwisihelegu sokubulawa kwabantu abalishumi elinesibhozo eNgobozana eLusikisiki.
Read More