Kugxekwa uZwelibanzi ngokuchucha imibutho
Bebeyigxeka, beyigxibha beyijikijela ngezithuko iKumkani yabaThembu besithi liwexu-wexu, ukhwel’ecingweni webhetyebhetye lendoda engenamqolo.
Read MoreBebeyigxeka, beyigxibha beyijikijela ngezithuko iKumkani yabaThembu besithi liwexu-wexu, ukhwel’ecingweni webhetyebhetye lendoda engenamqolo.
Read MoreUbuKumkani besizwe sabaThembu buphendule kwizigxeko zabantu kulandela ukubonakala kweKumkani yesizwe sabaThembu uKumkani Buyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo kumsitho we-ANC eNgcobo ngoLwesihlanu.
Read MoreUJacob Gedleyihlekisa Zuma owayesakuba nguMongameli weli lomdibaniso uthi nangona eselilungu likaKhongolosi akazukuyigayela iivoti engazukuyivotela kananjalo.
Read MoreUVuyo Zungula onguMongameli weAfrican Transformation Movement (ATM) utyhola ngokuba kukho abantu abamfuna efile. Ubanga ngelithi ufumene umnxeba kwisigwinta esiqeshelwe ukuba simgqithise amafu.
Read MoreUphehlelelwe ngokusesikweni umbutho omtsha kraca nobizwa I Act kwidolophu yase Tsomo eForty. Oku kuza emva kokuba lombutho uthe wasekwa phantsi kwesikhokhelo sika Ace Marhashule kwakunye no Jeneral Benni Ntlemeza oyinzalelwane yase Tsomo.
Read MoreAbahlali basebugxwayibeni baseMarikana ePhilippi East, eKapa, bagxothe amagosa eKomishini yoNyulo eZimeleyo (IEC) ebeze kubhalisa abavoti kule mpelaveki iphelileyo.
Read MoreUSihlalo kazwelonke we-ANC uGwede Mantashe ubalule inkxalabo ngemeko yeli lizwe, eyibiza ngokuba yinkululeko engenzi nto. UMantashe ukuthethe oku ngethuba lo mbutho kwiphondo leMpuma Kapa ubuphonononga umqulu weithembiso wonyaka ka-2019 kumasipala ombaxa weBuffalo City eMonti ngoMgqibelo.
Read MoreInkulumbuso yaseMpuma Koloni uLubabalo Oscar Mabuyane uyigxekile imatshi ibibanjwe ngumbutho weDA eGcuwa ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo.
Read MoreUmbutho we United Democratic Movement (UDM) ngamafutshane ububambe umsitho wokubhiyozela iminyaka engamashumi amabini anantandathu wasekwayo. Oku kuqhube kwidolophu yase Mtata kwibala lezemidlalo.
Read MoreAbahlolokazi nabasebenzi abasinda kwindyikityha yokufa yaseMarikana, ngoLwesithathu bagaleleke eKoppie apho kwadutyulwa kwabulawa abasebenzi –mgodini abangama-34 ngonyaka wama-2012.
Read More